Ngu: Mfundo Mpathani

Dutywa – Imvumi esele izenzele igama emculweni uBunono Mxokwana uzakube engcamlisa abathandi bomculo wakhe eVamies Guest House eDutywa kwinyanga ezayo ngomhla wama 21 May 2021. Ngokwengxelo epapashiweyo lo ka Mxokwana uzakube ekhatshwa ngu TNS owaziwayo kweli kwakunye no Mphozisi oyinzalelwane yase Mevane ku Gatyana. Kulindeleke ukuba kwisinxibo sosuku uvathe ezimhlophe ezikhatshwa yimibala egolide.