Sigwetyiwe isigebenga sendoda eXhorha

Ngu: Mbhaleli Wethu

Xhorha – Igwetywe oodilikajele abathandathu indoda eyaxabela isinqandamathe nabantwana ngezembe! Litshon’ emini namhlanje kuNowa Makula (32) oyinzalelwane yaseZimbabwe emva kokuthiwa nka ngoodilikajele abathandathu kwinkundla yamatyala eXhorha. UMakula ebejamelene netyala lokuxabela ngezembe nokubulala isinqandamathe sakhe uNomzamo Mhlathi (42) nabantwana bakhe abahlanu abanguAzakhiwe (10), Yibanathi (7), Wineka noThoko abangamawele (5) kunye nemveku eneenyanga ezintandathu ngethuba belele kulo nyak’ uphelileyo.

UMakula wakwenza oku kwilali yaseSidabekweni eXhora waze wayozimela kwindawo eGinsberg, eQonce, nalapho wabanjwa emva kweentsuku ezintathu emva kwesiganeko. Ilungu legunyabantu lotshutshiso (NPA), uAdvocate Barry Madolo uthe: “Sanelisekile siyiNPA ngoba le nto yenziwe ngulo mntu imbi kakhulu noko asiyiqhelanga kule ngingqi apho imiphefumlo engaka engenatyala ibulawe ngolu hlobo. Sixolile sesi sigwebo.Singathanda ukuthi akuhlanga lungehlanga kwakhona kwikhaya lamaxhoba!”

Amanye Amanqaku