Kuza kubanjwa iMpozolo Career Talk 2021

Ngu: Mfundo Mpathani

Gatyana –  Uceba wakwa wadi 21 kwi khasi lakhe lonxibelelwano, uMnu Mrobo umema bonke abo banemfundo enomsila, kwanabo bahleli emakhaya bengenazingxungxo ngokwempangelo,  kwanabo baphumelele ibanga leshumi benomdla wokudlulela phambili ukuba basondele nganeno kuzakube kukho iMpozolo Career Talk eMendu ngomhla weshumi elinesine kulenyanga – 14 MAY 2021. IMpozolo Career Talk izakube ibanjelwe esikolweni iMpozolo Secondary School ukusuka nge ntsimbi yesibhozo kusasa – 8:00. Ngokwengxelo lomcimbi uququzelelwa yi SDF Foundation kwakunye nabaxhasi bayo.

Ubhale wenjenje uMnu Mrobo kwikhasi lakhe lonxibelelwano.

“We invite even those who are sitting at home either you are a graduate looking for job or passed matric still interested noqhubeka….come and join at Mpozolo SSS on Friday, ungathi khange uve”

 

Amanye Amanqaku